|
New Chairperson of Gender DynamiX MC |
|
|
|
|
Message from the new Chairperson of the Gender DynamiX Management Committee.(Xhosa and English) Lithuba elibalulekileyo kakhulu kum eli lokuba ndibe lilungu leKomoti eqwalasela umsebenzi weGender Dynamix. Ndibulela amalungu aleKomiti endisebenzisana nawo ngenxaso abandinika yona nangokundithemba bandenyule ukuba ndibe nguSihlalo walombutho. Ndethulela umnqwazi abo ooSihlalo abathe bakhokhela i-GDX bafaka igalelo elenze ukuba ibe ngulo butho ophumeleleyo enguwo namhlanje. Phantsi kokukhokhelwa ngabo ndiyibonile i-GDX ikhula ngokumangalisayo. I-GDX isuke ekusebenzeleni endlini yafumana i-ofisi, kwaqeshwa abasebenzi, kwengezelelwa nendima yomsebenzi esiwenzayo. Ndibulela uSihlalo usuka kulendawo phambi kwam u-Robert H ngenxaxheba yakhe athe wayidlala eGDX ukusukela oko lombutho waqalwa. Ndizimisele ukufaka igalelo elakhayo kwi-GDX kangangoko endinako ingakumbi ekuqwalaseleni izikhokhelo zalombutho, ukwakhiwa, noommiselo kwakunye nokukhuthaza ukuthath’inxaxheba kwawo onke amalungu aleKomiti. Ndikwazimisele ekuqinisekiseni ukuba leKomoti iyamxhasa u-Director (Mama Trans) kwiinzame zakhe zokwakha iqumrhu elijongene namalungelo kunye nemfuno zabantu aba-Trans kwiAfrika iphela. Aluta Continua! Mzikazi Nduna I feel honoured to be a member of the Gender DynamiX Management Committee. I would like to thank my colleagues, fellow members of the Management Committee, for the trust they showed in me by unanimously voting for me as the new Chairperson. I salute those who went before me for their contribution to making GDX the successful organisation that it is today. Under their leadership I have seen, in awe, GDX growing from an organisation run from home to established offices and increasing its staff complement and programmes. I salute my immediate predecessor Robert Hamblin for his contribution to GDX since its inception. It is my commitment to contribute to GDX in the best possible way, to strengthen the organisation, facilitate maximum participation from all Management Committee members and support the Director (Mama Trans) in her efforts to build a truly African Trans movement. Aluta Continua! Mzikazi Nduna
|